Yeka ukutshaya qala iqalo elitsha
Isikhokelo
Sakho
Sokuyeka
UMBUTHO WOMHLAZA WOMZANTSI AFRIKA
Intlaka eyinicorette ikunika ulawulo olusebenza ngamandla ekunqanqathekeni ikwenza oko ngenkqubo yethamo enobumvoco/engabophelelekanga.
Ipetshi yenicorette ilawula ukunqanqatheka ngokukunika ithamo elilwulekayo neziphumo eziqhuba ixesha imini yonke. Inicorette efunxwa ngomlomo igcina izandla zakho zixakekile, ngoko ke ukuba ukhumbula isiqhelo sakho sokutshaya ngokususa icuba esandleni ulise emlonyeni, le yiyona ikufanele ngakumbi.
Inombolo yobhaliso 34/34/0329
Ungade Uncame konke ngenxa Yokutshaya?" ISIQULATHO
iphepha
Izizathu zokuba uyeke
Unako 2
Kunzima kangakanani ukuyeka ukutshaya? 3
Kutheni kufanele uyeke? 4
Ukutshaya kuyabulala 5
Izifo ezenziwa kukutshaya, azivele zikubulale nje... 7
Izizalwane nabahlobo 8
Ityhefu esecubeni 9
Iinzuzo zokuyeka 10
Ubanjwe yintoni ke? 11
Indlela yokuyeka
Ukuzilungiselela ukuyeka 13
Ukuyeka 16
Ukugqitha ekutshayeni 21
Ukumelana nokuyeka ukutshaya 22
Ukuhlala ukhululekile 25
Imibuzo yokugqibela 27
Ingqula yam yasuswa emva kokuba nomhlaza owenziwa kukutshaya. Kungoku nje ndiphefumla ngomngxuma osemqaleni"
Ndandicinga ukuba ayinakundehlela mna le nto. Hayi andinakuba nomhlaza... kodwa ndandinganyanisekanga."
Nceda uyeke, ngoku usakwaziyo ukuphefumla, thetha uhambe"
UNAKO
Uya kufuna ukuyeka ukutshaya, koko awazi indlela omawenze ngayo? Ngokoke le ncwadana ikufanele!
Siza kukunceda ukuba uyeke mpela- ngokuchaza ukuba kwenzeka ntoni xa uyeka ukutshaya, kutheni isenzeka nendlela yokuhlasela iingxaki onokuhlangabezana nazo.
Kukho amanqanaba amane okuyeka:
Uyacinga ngokuyeka
Uyayeka ukutshaya
Usebenzana nokuba uhlale ukhululekile emsini
Ndandinoloyiko olukhulu lokuyeka. Ndandidla ngokuzixelela ukuba: " Ndinoxinzelelo olukhulu, ndinobuphakuphaku, andikakulungeli. Yayibonakalo iyingxaki enkulu. Ndade ndazama, ndayeka kungoku nje ndithe nqa ukuba yayiyintoni na ingxaki" (Ndanditshaya ezingama-30 ngemini iminyaka eli-12 yonke).
KUNZIMA KANGAKANANI UKUYEKA UKUTSHAYA?
Abanye abantu bayifumana iyinto elula ukuyeka ukutshaya. Abambalwa bafumanisa iyinto enzima kakhulu. Kodwa kuninzi lwabantu, ukuyeka ukutshaya yinto enzima kakhulu okanye engenakwenzeka.
Khawuve okuthethwa sisihlanu sabo babe sakutshaya baze bayeka:
Ndakhetha umhla othile ndaza andajika, ndabambelela kuwo. Kwaba lula kunokuba ndandicinga emva kweengxoxo ngokurhoxa."
Wayetshaya ezingama-25 ngemini iminyaka engama-23
Ndazama amaxesha amathathu. Ekugqibeleni ndasoloko ndizigcinele ipakethe apha kum. Ndasebenzisa ukuzimisela okukhulu ndaphantse ndaphambana iiveki ezintathu zonke." (Wayetshaya ezingama-20 ukuya kuma-40 ngemini iminyaka emi-6)
Mna nomhlobo wam sagqiba ukuzama kunye. Sancedana kwaye kwaba lula."
Wayetshaya i-15 ngemini kwiminyaka engama-34
Ndiziva ndizole ndizole ngolona hlobo kwaye ndonwabile. Xa ndijonga emva kwakungekho nzima kangako."
wayetshaya ezingama-30 ngemini iminyaka engama-32
Kwaye uninzi lwabo bayeka ukutshaya bayavumelana nale ngxelo:
Ndathi nje ukuba ndenze isigqibo sokuyeka, ndanako ukukwenza oko."
Ngaphezu kwamawaka angama-40 amaMelika, i-11 lamawaka amaBritani namawaka abemi boMzantsi Afrika ayeka kwaphela ukutshaya. Babonise ukuba xa ufuna ngenyani ukuyeka ungayeka.
Jongana ngqo nale nto uyoyikayo, ze ulahle olo loyiko.
KUTHENI KUFUNEKA UYEKE NJE?
Zininzi izizathu zokuyeka. Phantse ngokuqinisekileyo uya kuphila ixesha elide kwaye uve intlungu nezifo/ukugula kancinci. Ukukreqa kurhumrheko olunamandla njengomdiza kuya kwenza uzive kamnandi ngesiqu sakho.
Nazi ezinye zeenzuzo zokuyeka ukutshaya: Phawula ezo zibalulekileyo kuwe.
Ndifuna ukuphila
Ndifuna ukukhululeka kumkhuba onendleko nowaphula impilo
Ndiya konga imali malunga nama-R4000 ngonyaka ngepakethe enye ngemini ngokwamaxabiso owe-
Andifuni kulawulwa yimidiza
Ndiya kuphefumla ngokulula
Ndya kukhululeka kwingcingane yokuba mhlawumbi ndiyazibulala
Andiyi kuziva njengomphuma-caleni kwiindibano zokonwaba xa ndiphakathi kwabantu abangatshayiyo
Ngekhe ndiphinde ndibe nempahla enukayo, izitya zothuthu ezimdaka, izitompi zemidiza nokucoca amagumbi anomsi
Andiyi kwenza abantwana bam bagule ngumsi omdala
Ndifuna ukuba ngumzekelo omhle ebantwaneni bam
Andisayi kungcolisa umoya oza kuphefumlwa ngabanye abantu.
Yiba nomfanekiso wentlalo nempilo yakho engenamsi.
Gqibezela esi sivakalisi ke ngoku, ngokubhala phantsi ezona zizathu zokuyeka ezizezakho ezibalulekileyo.
Ndigqibe ukuba ndiyeke kuba ...
UKUTSHAYA KUYABULALA
EMzantsi Afrika izifo ezenziwa licuba zibulala malunga nama-25 0000 unyaka nonyaka. Oko kulingana nenqwelomoya eyijumbo ewileyo ize ibulale wonke umntu okhwele kuyo NGAZO ZONKE IINTSUKU EZINTLANU.
UKUTSHAYA KUYABULALA
Kutheni kuyingozi kangaka nje ukutshaya? Eh!, nalu uthotho lwezinye izifo ezenziwa kukutshaya okanye ezithi zigqithe emgceni ngenxa yokutshaya:
izifo zentliziyo ... isifo sokushwabana
izifo zemithambo ekralileyo ... i-emfayizema
isifo semibhobho yemiphunga ... umhlaza o-peptic esingapheliyo
ukungabi namandla (ubunyumba)
umhlaza wemiphunga, womqala, wemiphimbo yelizwi, womlomo, wolwimi, kaqhoqhoqho, wesinyi,wephankriyasi,wezintso,wesisu nowomlomo wesizalo
kuqala kwangoko ukuyeka ukuya exesheni nesifo samathambo nezihlunu.
Ngaphaya koko iintsana ezizelwe ngoomama abatshayayo zikholisa ukuzalwa zingcokochile, okanye zizalwe sezingasekho, okanye zisweleke phambi kokugqiba unyaka zizelwe.
Ndaphuza intombi eyayisisithandwa sam sokuqala ndatshaya umdiza wam wokuqala kwangaloo mini inye; Andikaze ndifumane ixesha lecuba ukususela ngoko."
umbhexeshi obalulekileyo womculo
IZIFO EZENZIWA KUKUTSHAYA AZIPHELELI NJE EKUKUBULALENI...
Oku kungenza ubomi bakho bube buhlungu iminyaka emininzi:
Ukuvaleka kwemithambo yegazi kungenza iintlungu emilenzeni xa uqeqesha umzimba wakho ngokuwushukumisa kwaye usenokukhokelela ekunqunyulweni kwelo lungu lomzimba
Iingxaki zesifuba ezifana ne-emfizema (emphysema) zingakushiya ungolele ebhedini iminyaka emininzi, kukugula, usilwela umphefumlo ngamnye.
Abatshayi bakholisa ukuqalwa ziingxaki zabo zempilo xa beminyaka ingama-30 ukuya kuma-40, kodwa nabatshayi abane-18 leminyaka yobudala abomelelanga njengabahlobo babo abangatshayiyo.
IZIZALWANE NEZIHLOBO
Ukuyeka kwakho ukutshaya kungayinzuzo nakwizizalwane kwanezihlobo zakho.
Bangafumana umoya ongangcolanga
Abantwana babantu abangatshayiyo abafane baqalise ukutshaya
Abantu abangatshayiyo abahlala nomntu otshayayo bangangenwa ngumhlanza wemiphunga nesifo sentliziyo ngokurhogola umsi walowo utshayayo
Abantwana abancinci bamakhaya abantu abatshayayo bangasifumana lula isifo sombefu (asthma), okanye balaliswe esibhedlela benenyumoniya okanye benesifo semibhobho yemiphunga, iphika
Wena, usapho lwakho kunye nabahlobo bakho niqalisa ukuzuza ngomhla oyeka ngawo ukutshaya.
NCAMISA/ PHUZA UMNTU ONGATSHAYIYO UNGCAMLE UMAHLUKO
ITYHEFU ESECUBENI
Ezinye iiTyhefu eziseCubeni
Ngamanye amaxesha ndihlala phambi kwesipili ndizijonge xa ndirhabula loo msi unetyhefu. Ukuba ndandiseluvalelweni ze omnye umntu andenzise oku, ndandingafuna ukumbulala."
umtshayi ongaziwayo
INZUZO YOKUYEKA
Inzuzo yokuyeka
Ukuba ungumzekelo womntu otshaya imidiza engama-20 ngemini ze uwulahle lo mkhuba, amathuba ngawokuba umzimba wakho uya kuva into elolu hlobo:
Ngexesha elingangeeyure ezi-2 zokuyeka, ininzi inikhothini esegazini elisemzimbeni wakho. Kodwa ke noxa kunjalo, kungathatha iintsuku ezi-2
ukuba izinto ezidalwa yinikhothini ziphume emzimbeni wakho.
Kwiiyure ezi-6 intliziyo yakho ibetha ngokucotha ze uxinzelelo lwakho lwegazi luhle kancinci. Kungathatha ithuba elimalunga neentsuku ezi-3 ukuya kwezingama-
ukuba uxinzelelo lwegazi lakho lubuyele esiqhelweni.
Awuyi kukhathazwa kukunqamka komphefumlo xa uzinikezele kwaye ukuzimisela
Kwakho ukuhlala ngolu hlobo kuya kukhula.
Kwiintsuku nje ezingephi uya kuqalisa ukunuka pholileleyo. Izimvo zakho zokungcamla ziya kusebenza kakuhle ze uluvo lwakho lokuva ivumba lubuyele esiqhelweni. Ungeva ulonwabo emva kokuphumelela kwinto obucinga ukuba ayinakufikeleleka.
Ngeentsukwana nje ezingephi isikhohlela ebesifumbeke emiphungeni yakho siqalisa ukukhululeka,kwaye uya kusikhohlela usikhuphe kwiiveki ezimbalwa ezilandelayo
ISiliya eyinkqubo edaliweyo yokucoca umzimba, iya ichacha ngokuchacha.
Kungathatha ixesha elimalunga neenyanga ezintathu phambi kokuba isiliya iphelelise ukuchacha ukuze itshayele icoce ngempumelelo amajelo emiphunga. Kwiiveki ezi-3
nje iya kube isebenza ngcono imiphunga yakho. Kuya kuba lula nokuqeqesha umzimba wakho ngentshukumo.
Ngeenyanga ezi-2 nje, sekunyukile ukuthululeka kwegazi kumalungu akho.
Uya kuba namandla ngakumbi uzive unebhongo ngesiqu sakho kwaye
Emva kwenyanga ezi-3, iya kube isebenza ngokufanelekileyo inkqubo yokucoca imiphunga yakho. Ukuba uyindoda, izipem (amadlozi) zakho ziya kubuyela ekusebenzeni ngesiqhelo kwaye nenani lazo liya kwanda.
Kancinci kancinci, amalungu neeseli zegazi ezikhusele imiphunga yakho zibuyela kwisiqhelo. Kungathatha ithuba elide oku.
Emva kweenyanga ezili-12, umngcipheko wokuba nesifo sokukrala koonothumela bemithambo abasa igazi entliziyweni umalunga nesiqingatha somngcipheko wabo basaqhubekayo nokutshaya. Ngexeshana nje leminyaka emi-5, umngcipheko wesifo somhlanza wemiphunga, kucutheke ngesiqingatha.
Emva kweminyaka eli-15, umngcipheko wesifo sokukrala koonothumela bemithambo abasa igazi entliziyweni phantse kube kufana twatse nokwabantu abangatshayiyo.
UMISWE YINTONI KE NGOKU?
Yenye yezinto ezakhe zaluyolo endaziyekayo"
Makhe siqwalasele le nto kuthiwa "luyolo". Ikwenza ukhohlele, ihlaba umqala wakho, ishiya ukungcola eminweni yakho, ingcolisa umoya, inobungozi bokutshisa, kwaye emva kwesiyolisi sakho aweneli de uphinde usifumane kwakhona.
Kuphela komhlobo endinaye"
Ukutshaya kuthembisa ngokuba ngumhlobo, kodwa kuyakujikela. Kuthatha ixesha lakho, amandla akho nemali yakho. Eyona nto imbi kakhulu kukuba kungade kuthathe nobomi bakho. Hlobo luni lomhlobo ke olo?
Ukutshaya kuthomalalisa imithambo luvo yam"
Inyaniso kukuba kunye qha ukuxhalaba okuthomalala ngenxa yokutshaya, kukunqanqathekela omnye umdiza! Kukho iindlela ezinempilo zokuhlangabezana nenkxalabo kunecuba. (jonga iphepha 24).
Ligqithile ixesha lokuba ndingayeka ngoku"
Kungakho umahluko kweli lixa. Uncedo lukufutshane kukuba nje "utsale uphakamise umnxeba". Fowunela ku- 720 3145. Iingcebiso ezikule ncwadana zisebenzele amawaka abo babesakutshaya. Funda ngeziphoso zakho zangaphambili ze uphumelele kweli lixa.
UKUZILUNGELA UKUYEKA
ZIBEKELE UMHLA WOKUYEKA
Gqiba ngomhla oza kuyeka ngawo (ungenzi izigqibo ZOKUZAMA). Mayibe ngumhla ongazuba phantsi konxinzelelo oluninzi, kodwa ungalinge uzinike isizathu sokulubekela kude usuku lwakho lokuyeka. Beka usuku malunga neveki ukususela ngoku ze ulungiselele ingqondo yakho ukuba uphume.
ZIFUNELE INKXASO/ABAXHASI
Izizalwane, abahlobo noogxa basemsebenzini bangaluncedo olukhulu kumntu ofuna ukuyeka ukutshaya. Nazi ezinye zezinto ongacela ukuba bazenzae:
Ncedani nindinyamezele xa ndishiywa ngumsindo okanye ndingenaluzinzo kwiintsuku ezimbalwa zokuqala zasemva kokuba ndiyeke ukutshaya. Oku kuza kuphela kamsinya."
Ningandihendi. Ukubona nokuva ivumba lomdiza kuya kwenza kube nzima kum ukuyeka. Ngoko ke, ningandiniki umdiza. Kwaye, xa kunokwenzeka ningatshayi phambi kwam."
Yibani luncedo kum. Yithini rhoqo ukundixelela ukuba ndiyavuya mna mntu uyekileyo ukutshaya."
Ndivuzeni kwaye nindincome. Yenzani izinto ezincinci ezibonisa ukuba ninebhongo ngam."
Musani ukundichukela. Qondani."
ndikhuthazeni xa ndisiva kunzima. Ndixeleleni ukuba mandihlale ndiqhubeka."
Zama ukufumana omnye umntu owayeka ukutshaya ukuba abe ngumxhasi wakho mayibe ngumntu oyihambileyo naye le ndlela. Funa umntu onokubhenela kuye nanini na - umntu oya kumamele angagwebi. Ungade ufune nokubhalisa kwiqela/ umbutho elixhasa abo bayeke ukutshaya- xa ngaba likhona kwingingqi yakho.
QULUNQA INDLELA OZA KUPHUMELELA NGAYO
Uza kudinga izinto eziza kuthatha indawo yokutshaya. Ungafumana ukwaniliseka komlomo ngamashwamshwam aneekhalori ezisezantsi, itshuwingi gam, okanye imicinga yokuvungula. Ungaxakekisa izandla zakho ngeepensile, amaso okugqithisa ixesha lokukhathazeka okanye ibhola yesikwashi.
Ungenza izigqibo zokuba ingaba uza kusebenzisa iipetshi zolusu, itshuwingi gam okanye isitshutshuzi somlomo esinenikhothini. La mancedo angasebenza kakhulu ekukuncediseni ukunciphisa iimpawu zokurhoxa emva kokuba uyekile ukutshaya. Thetha nogqirha wakho okanye usokhemesti yakho, ngokukhawuleza. Kanti ke usenokuphuma ungasebenzisanga mancedo.
YENZA IZIGQIBO NGEZINTO OZA KUZIVUZA NGAZO
Kufuneka uzivuze ngezinto ezithile, kuba kaloku wenza inguqu enkulu ebomini bakho. Cwangcisa izinto ezincinci oza kuzivuza ngazo nonokuzinika zona kule ndima uyihambayo.
Akukho mfuneko yokuba zibize imali eninzi izinto okhetha ukuzivuza ngazo
Ungazihlawula ngokusebenzisa le mali ubuza kuthenga ngayo imidiza. Imizekelo yoku ziincwadi, iintyatyambo, izithambiso ezipholisa iintlungu zomqolo nokuzinika ixesha elaneleyo lokwenza izinto ezikonwabisayo. Beka imali oyisindise ecubeni enkonkxeni ze uyibuke isanda ngokwanda. Thengela iqabane lakho nabantwana izipho ukubabulela ngokukunceda.
IINDLELA ZOKUPHUMA
Elona thuba lakho lokuphumelela kukohlukana mpela nemidiza kunokwehlisa kancinci inani olithathayo ngemini. Xa unokuzama ukwehlisa inani lemidiza, umdiza ngamnye uba ngobalulekileyo kuwe, nto leyo eyenza kube nzima kakhulu ukuncama imidiza yokugqibela embalwa.
Kodwa ke, abantu abafani mhlawumbi ungakhetha ukuhla kancinci kancinci kwinani olithatha ngemini, phambi kokuba uphume mpela.
Qala ngokwehlisa inani lokumpakuza umdiza ngamnye. Qala ngokuzoba isangqa kumdiza wakho esizikithini sawo. Tshaya uphele kweli nqanaba lisesizikithini ukhe ume. Sijikelezise ngokusehlisa isangqa ukuze uye utshaya intwana yomdiza kancinci kancinci.
Eyona ndlela ingcono yokuyeka ukutshaya kukuvela uyeke nje qha- ungabi usithi ukuba okanye uthi kodwa"
Cima iphayilothi yakho ezitshintsha ngokwayo
Beka ibhanti yelastiki uyijikelezise ipakethi yakho yomdiza ukuze unyanzeleke ukuba uyisuse phambi kokuvula isiciko sepakethi. Ngokuqinisekileyo oku kuya kwenza ukuba uziyekele ukufikelela emdizeni kuba kofuneka wenze isigqibo sokutshaya esisezingqondweni.
Ngoko ke ukususela namhlanje, tshaya kuphela loo midiza oyifuna nyhani.
yithi nje 'hayi'
Tshaya imidiza eyeyakho kuphela wale yonke oyiphiwayo ukususela ngoku.
UKUYEKA
UBUSUKU OBUNGAPHAMBI KOKUYEKA
INKUNKUMA
Icuba okanye impilo
Zikhethele
Inombolo yokuyeka 720 3145
UBUSUKU OBUNGAPHAMBI KOKUYEKA
Lahla yonke imidiza yakho, ungashiyi nomnye.
Qinisekisa ukuba awunamidiza ishiyekileyo, nditsho nezitompi.
Lahla yonke imatshisi neelayitha nditsho nezitya zokukhongozela uthuthu.
Xa into ungayiboni ude uyilibale."
Endaweni yemidiza sebenzisa ngeegam ezingenaswekile, izitro zokufunxa isiselo, imicinga yokuvungula okanye amaso okuyekisa ukukhathazeka oku ukwenzela ukugcina izandla zakho nomlomo wakho zixakekile.
Jonga icala elihle. Ukuyeka ukutshaya ngumngeni. Ungakwenza!
Ukuba usebenzisa izinto zokunceda ezifana negam yenikhothini, iipetshi okanye isitshutshuzi, qinisekisa ukuba uyakwazi ukuzisebenzisa. Fundisisa kakuhle imigaqo nemiyalelo engaphakathi.
Tshaya umdiza wakho wokugqibela uthi ndlela-ntle kutshaba lwakho oludala.
IMINI ENKULU
Namhlanje lusuku olubalulekileyo kuwe- yimini YOKUPHUMA. Yimini yokuzenzela okuhle. Ngcambaza kancinci ungazixheshi ngamandla.
THATHA USUKU NGALUNYE
Ukuyeka ukutshaya umphelo kubonakala njengenyathelo elikhulu. Ngako oko thatha inyathelo libe linye ngexesha. Musa ngokucinga ngokungaze utshaye kwakhona. Cinga ukuphuma njengenyathelo elinye ngexesha. Zixelele ukuba:
ze ke ungakhe. Yenza imini yakho yokuqala ukuba ibe ngumhla omkhulu. Mhlawumbi vuka emva kwexesha nokwana. Sela ijusi yeziqhamo njengesidlo sakho sakusasa. I-asidi ekuyo iya kunceda ekukhupheni inikhothini. Lungisa into oza kuzivuza ngayo ukuphela kwemini ukuzibulela kuba ungatshayanga. Yiba nebhongo ze uncome impumelelo yakho ekupheleni kwemini nganye.
Injongo yakho kukugqiba imini. Zamana nayo ibe nye into kwezikuxheshayo uyoyise.
UNGAHENDEKI
Khulisa ubume meko ekungqongileyo enomoya opholileyo nobungenamsi.
Hambela kude kubantu abatshayayo. Chitha ixesha elininzi nabantu abangatshayiyo.
Hambela kude neendawo obuqhele ukutshaya kuzo kwaye ungahlali kwiindawo ezihlala abantu abatshayayo.
Kwiveki yokuqala okanye eyesibini, zama ukungaseli tywala, kofu nezinye iziselo ozayamanisa nokutshaya.
UKUMELANA NOKUNQANQATHEKELA UKUTSHAYA
Xa kufika ukunqanqatheka, naku oma ukwenze:
Zikhumbuze ngezizathu ezibangela ukuba uyeke ukutshaya (jonga iphepha 4)
Zixelele ukuba: " Ndikhetha ukungatshayi."
Zifundise "ooD aba-5 oma ubenze" abadweliswe apha ngezantsi.
Sebenzisa igam yenikhothini, iipetshi okanye isitshutshuzi xa ugqibe ekusebenziseni enye yazo.
Yinto elula le, kodwa yindlela enempumelelo yokuthintela ukutshaya. Enyanisweni ufanele ukusela iiglasi zamanzi ezisi-8 ukuya kwezili-10 ngemini. Amanzi aya kukunceda ekukhupheni inikhothini emzimbeni wakho. Ungaseli amanzi amaninzi kakhulu xa ngabe usebenzisa iipetshi zenikhothini, igam okanye isitshutshuzi.
Xa singaguquki asikhuli. Ukuba asikhuli asiphili ngokwenene...[ukukhula] kunokuthetha ukuncama iindlela esiziqhelileyo.
Zigcine uzolile upholile ngokuphefumla nzulu. Yenza kanje:
Tsala umphefumlo onzulu ngeempumlo zakho
Wubambe umphefumlo wakho ubale de kube ka-4
Phefumlela ngaphandle kancinci ngomlomo wakho
Phindaphinda la manyathelo amaxesha ama-4 okanye ama-5 de uzive unokuzola
Ukuzigcina uxakekile kunokukunceda ukugcina ingqondo yakho kude nemidiza.
Umzekelo, emva kokudla musa ukulibazisa ngokuhlala etafileni- hlamba izitya, coca amazinyo akho, phuma uhambahambe phandle, hlamba imoto okanye uhlambe inja.
Bhala uludwe lwemisebenzi ekhawulezayo nelula ze wenze omnye wayo xa ukunqanqatheka kukuxheshile. Ungazama nokwenza icross word puzzle. Mamela umculo. Hlafuna umnqathe (ikherothi). Ngena ebhafini eza kunika ukuphumla.
KOYISE UKUTSHAYA
Ukuxhesheka kukufuna ukutshaya kuthatha nje imizuzu embalwa kuphinde kunyamalale. Xa ungaxheshekanga kakhulu ungalinda de kuphele. Bala uye kufika ku-100, okanye yenza isicengcelezo esifutshane okanye umthandazo omfutshane. Kungoyiswa ukunqanqatheka.
Zixelele ukuba uyaphuma kulo mkhuba
Zinike imiyalelo: "Ungalinge uyenze!", "Yima", "Kunganzima oku, kodwa ndinako ukukwenza."
Yenza ukuba umfanekiso onawo engqondweni ukusebenzele- ungasebenzi ukuphikisana nawe;
xa uqalisa ukucinga indlela ekungamnandi ngayo ukutshaya, ungase ube nomfanekiso ngqondweni wemiphunga emnyama kukungcoliswa yitha. Okanye cinga indlela abanokudana ngayo abantu xa unokubuyela ekutshayeni.
Zikhumbuze ngezinto ezenza uyityhafele imidiza okanye ezenza ukuvuyele ukuyeka. Zixelele ukuba: "Ndikhetha ukungatshayi"
Xa usiva umzimba wakho uphantsi, zikhuthaze ngokuzenzela umfanekiso ngqondweni ngawe uphile ungumqemane, uphefumla lula kwaye ubonwabele ubomi. Ngubani ofuna into erhuqekayo?
UKUGQITHA EKUTSHAYENI
Mhlawumbi ungayifumana inzima kakhulu iveki yokuqala emva kokuyeka.
Emva koko, noko iingxaki ziya ziba lula noko.
Abanye abantu ababi nazingxaki zazintlungu ezizezinye, kodwa uninzi lwabantu lunganeempawu ezithile ezimbalwa. Ezi mpawu zidla ngokunyamalala emva kweeveki ezimbini, kodwa ezinye ezifana nokunqanqatheka nokulamba, zingathatha ixesha elide.
Kudla ngokuthatha iinyanga ezintathu phambi kokuba uzive kamnandi nobomi bakho obutsha njengomntu ongatshayiyo.
Akukho bantu babini bakhe bafane- ungowedwa. Amacebiso amaninzi okumelana nokuyeka ukutshaya aya kukusebenzela- ngeli xa amanye engayi kukunceda. Kukuwe ke ukuba ukhethe ezo zikusebenzelayo.
Ndingase ndibe ngongatshayiyo ohlal'ahlale anqanqathekele ukutshaya kunokuba ngumtshayi osoloko enomnqweno wokuyeka.
UKUMELANA NOKURHOXA
Unokuqaphela iinguqulelo zasemzimbeni nezasenyameni emva kokuyeka ukutshaya. Ezi ziya kuthatha iintsukwana ezimbalwa emva kokuyeka kwaye zizeziqhelekileyo.
UPHAWU ISIZATHU SOPHAWU UMSEBENZI WOKWENZA
UBE NOKUMELANA
Ukunqanqatheka Umzimba wakho uqhele Ukufuna ngamandla ukutshaya ku-
nikhothini phambi kokuba kuphele. Zixakekise ngokwenza nokuba yintoni de olu vakalelo luphele- sela amanzi, yenza intshukumo yokuphefumla.
qwana zexesha uphumle. Qiniseka ukuba udla ngokufanelekileyo.
Ukukhohlela Imiphunga yakho ikhupha Rhabula amanzi ashushu.
Ukuxhalaba, Amaqondo egazi asezantsi, Hambahamba, hlamba ebhafini ukucaphuka enikhothini ngamanzi ashushu, uzame iindlela zokuphumla. Xelela omnye umntu ngendlela ova ngayo.
Uxinzelelo Mhlawumbi nalo lwenziwa Uqeqesho lomzimba kancinane nje kukunqongophala ukuhamba ngamandla imizuzu kwenikhothini emihlanu okanye elishumi kunganceda ekuguquleni uvakalelo lwakho. Zingasonjululwa iingxaki zakho. Zihlasele nganye nganye-
okanye kancinci kancinci.
Ukulamba Inguqulo yokutya emzimbeni Yidla iipopkhoni, iikherothi, iipruni ibuyela esiqhelweni namashwamshwam aneekalori ezincinci. Zama ukutya izidlo ezincinci ezithandathu ngemini.
Sela amanzi amaninzi.
Ukungalali Zifake ebhafini enamanzi ashushu kakuhle usele iglasi yobisi olushushu phambi kokuba ulale. Ukuba awukwazi kulala vuka ufunde-mamela irediyo.
Ukushukumisa umzimba phambi kokulala kusenokukunceda.
Ezinye iimpawu ezixhaphakileyo:
Amanye amacebo Umlomo owomileyo, ukungasebenzi kakuhle kwesisu, ukudinwa, ukumana
Gcina ungcamlo olupholileyo emlonyeni ufun'ukulila, izilonda emlonyeni.
wakho ngokucoca amazinyo akho rhoqo nangokusebenzisa isixubhi somlomo okanye isitshutshuzi sokupholisa umlomo
Yenza intshukumo yokolula umzimba
Phumla kakhulu
Zinike ixesha lokwenza izinto ezibaluleke nyhani kuwe
Ukoyisa unxinzelelo
Nanga amacebo alula okukunceda ukuba uzive uzolile. Okokuqala, phungula ingxolo ekufutshane nawe. Hlala kamnandi, vala amehlo ze uphefumle ngokuzolileyo. Ingqondo yakho yizikise ekuphefumleni ze ubize igama elithi "inzolo" okanye "zola" njengoko uphefumlela ngaphandle. Emva kwemizuzu emi-5 okanye eli-10 uya kuziva uhlaziyekile.
Ukumelana nobunzima bomzimba
Isiqhelo sesokuba abantu abatshayayo banda nge 2kg (ubunzima bomzimba) emva kokuyeka ukutshaya. Ngamanye amaxesha oku kwenziwa kukuba umzimba wakho usebenzisa amandla amancinci kunangaphambili. Amaxesha amaninzi kungoba abantu abasanda kuyeka bayatya endaweni yokutshaya.
Akukho mfuneko yokuba wande ngobunzima bomzimba
Cwangcisa izidlo zakho. Yitya izidlo ezincinci ezi-3 ukuya kwezi-6 endaweni yesidlo esinye esikhulu
Lumkela ukudla okunamafutha
Yiya kakhulu iziqhamo nemifuno
Soloko ushukumisa umzimba- yenza iintshukumo ngakumbi (umzkl.ukuhamba ngokukhawuleza ujikeleze indawo ohlala kuyo)
Ungaxhalabi xa bunokwanda ubunzima bomzimba wakho. Emva kwexesha ubunzima bomzimba wakho buya kuzinza ze wehlise iikhograms ezingaphaya
Ukutshaya asiyondlela yokulawula ubunzima bomzimba: Kukho iindlela ezifanelekileyo zokwenza oko. Inzuzo efumaneka ekuyekeni ukutshaya ingaphaya lee kweyomngcipheko wokongeza iikhilogrem ezimbalwa kubunzima bomzimba wakho. Xa ufuna ezinye iinkcukacha ngokutya ngendlela enempilo fowunela umnxeba woncedo w woMbutho weNtliziyo waMazantsi e-Afrika (Heart Foundation of Southern Africa) ongu-0800 223 222.
Ukuba uyatshaya...
Kukho into engahambanga kakuhle! Utshaye umdiza. Unesazela kwaye usengozini yokuphindela ekutshayeni. Akukho mfuneko yokuba wenze oko!
Umahluko phakathi kokuba nokwenzeka nokungabi nakwenzeka uxhomekeke ekuzimiseleni komntu.
Funda ngamava. Yintoni ekususileyo ukuba utshaye?Ibikukubona okanye ukuva ivumba lomdiza? Ubusiva unxinzelelo? Yintoni ongowuyenzile ukunqanda ukuba ungatshayi? Uza kumelana njani novakalelo oluxheshileyo olufuna utshaye kwixa elizayo?
Ngoku ke phindela kwizizathu zakho zokuba uyeke ukutshaya ze uzixelele ukuba: "Andizukuyeka lo mzamo umke namanzi. Ndisengongatshayiyo!" Ngoku ke qalisa kulaa ndawo ubuyeke kuyo.
UKUHLALA UKHULULEKILE
Usuku ngaluNye ngeXesha...
Namhlanje unomceli mngeni owaneleyo; kutheni ungalihlaseli nje lona ingomso? Sebenzisa izixhobo zakho ezinje nge "Survival Kit" yakho, umntu okuxhasayo, ukuphefumla nzulu, nokuqeqesha umzimba ngentshukumo.
Qina, womelele! Eyona ndima inzima iza kugqitha ingaphelanga iveki, kodwa kusenokwenzeka ithathe iinyanga ezi-3 ukuze uzive kamnandi njengomntu ongatshayiyo.
Ukususela kwiveki yesi-2 ukuya kweyesi-6...
Emva kokugqutha kweyona ndima inzima yomzimba eyenziwa kukurhoxa, kusengafuneka ujongane nedabi lengqondo. Ngoko ke qiniseka ukuba uyazivuza ngokuhambela kude nomdiza. Xa kufika kwakhona ukunqanqatheka, thetha nesiqu sakho, ungakuvumeli. Zikhumbuze ukuba: "Ndikhetha ukungatshayi." Yithi: "HAYI! Namhlanje, ngomso nakuyo yonke imihla emva koko.
HAYI HAYI
Iingozi ke ngoku zezi:
Ukucinga ukuba umdiza omnye awunakuba nabungozi- uya kuba nabo. Bambalwa kakhulu abantu abanokutshaya nje ngelo xesha. Ungumntu otshayayo okanye ungongatshayiyo, qwaba ke.
Umbhiyozo. Ukuba phakathi kwabatshayi nobukho botywala yingozi edibeneyo- ngoko ke luka. Ungakhe uzinike imvume yokutshaya; zinike imvume yokuba ngosempilweni entle.
ZE EMVA KOKO
Uqhube kakuhle! Uyekile ukutshaya. Kodwa ke ukuyeka yenye into, UKUHLALA UNGENAMSI WACUBA KUWE, yenye into eyahlukileyo tu.
Ngeli xesha uya kube selufumanise ukuba abantu sebeyekile ukuthetha nokuthetha ngempumelelo yakho nangendlela oqhuba kakuhle ngayo. Ngokunokwabo, konke kugqithile. Kodwa wena wazi ngcono. UNGALINGE UVUMELE UKUBA LIHLE IZINGA LOKUZIMISELA KWAKHO. Ukuhlala ukhululekile emidizeni ikwasisiqhelo. Okukhona uhlala ixesha elide ungatshayi, kukhona loo nto iya kukhangeleka njengedaliweyo.
UKUYEKA UKUTSHAYA YENYE YEZONA ZINTO ZINGCONO KOWAKHE WAZENZA EBOMINI BAKHO. UYOYISILE INIKHOTHINI WATSHINTSHA UMKHUBA WEMINYAKA EMININZI. VUYA KE NGOKO!
Kuya kuthatha ixesha elingakanani phambi kokuba kuphele ukurhalela ukutya?"
Kunzima ukuqinisekisa ukuba nini kanye. Kwabanye abantu kuthatha nje iintsuku ezimbalwa. Kwabanye ukurhalela ukutshaya kuthatha ixesha elidana nangona kuya kuba lula ngokuba lula.
Eyona ndlela ingcono yokuphelisa ukurhala kukuba ulambe ufe. Ukba ukuvala ngokutshaya- kuya kukhula.
Kutheni le nto kunzima kangaka ukushiya umdiza?"
Oko nje ulindele ukonwabela isigarethi, okanye ulindele ukuba sikunike ukonwaba-umnqweno wakho wokutshaya awunakuze uphele. Uya kukhululeka kwiisigarethi kuphela xa ukutshaya kungenandima ebomoni bakho.
Ngokuqinisekileyo umdiza omnye awunakuba bungozi emva kokuba ndiyekile ukutshaya?"
Umdiza nje omnye ungakhokhelela "komnye kuphela" kwaye phambi kokuba uqabuke, uya kube ubuyela umva kulaa ndawo wawuqale kuyo.
Andinakutshaya ube mnye nje kuphela ukwenzela ukuzivavanya, okanye ukuzikhumbuza ukuba kwakunjani ukutshaya?"
Ezi zizizathu zokutshaya. Ukuba ulibele ukuba umdiza uvakala njani- vuya. Akukho mfuneko yakuba uzivavanye ngokulinga omnye umdiza kwakhona. Sele uphumelele olona vavanyo lubalulekielyo. Uyekile ukutshaya.
Kungathini ukuba ndiyaqalisa kwakhona?"
Ungancami, le nto ayithethi kuthi woyisakele. Asinguye wonke umntu ophumelelayo kwilinge lokuqala. Uninzi lwabantu bazama amaxesha amaninzi phambi kokuba bayeke mpela. Ngalo lonke ixesha uzama, ungafunda into eza kukunceda kwixa elizayo. Ngoko ke, nangona ucinga ukuba woyisakele, usenokuphumelela.
Zilungiselele, khetha usuku lokuyeka kwakhona, qhubekela phambili, UQALE IQALO ELITSHA! Kodwa ke kungcono UKUPHUMA KUBE KANYE UHLALE UPHUMILE.
Zinoncedo olungakanani igam yenikhothini, iipetshi nesitshutshuzi?"
Ezi, zivunyiwe ukuba zisebenza ngempumelelo. Amathuba akho empumelelo aya kuphindaphindwa ukuba uzisebenzisa nezinye iingcebiso ezikule ncwadana,
Ndakwazi njani xa sendikhululekile?"
Xa ungasacingi nokucinga ngemidiza. Xa ungasabali zintsuku. Xa sel'uyekile nokudlisela ngokuyeka, kodwa uvuyela ukuba ukwenzile oko. Xa ukuba ngumntu ongatshayiyo kubonakala njengento edaliweyo neqhelekileyo.
Phuma kulo mkhuba
Ze uQale isiQalo esiTsha-
Nceda uqhakamshelane nogqirha wakho ukufumana amanye amacebo neenkcukacha.
Inkangeleko yangaphandle yomphunga oqhelekileyo womntu ongatshayiyo ominyaka yobudala ingama-45
ukuya kuma-55. Amachaphaza amancinci amnyama ziindumba zekhabhoni ezenziwa kukuphefumla umoya ongcolileyo wasesixekweni (idolophu).
Umphunga orhabaxa onomhlaza wahlukile ngenkangeleko kulowo uqhelekileyo, ungena nto.
Le nto ikhulileyo imhlophe kwisiphelo esiphezulu ngumhlaza.
Ukonakala okubonakala kumnyama kumphezulu
Asinguwe okanye abantu abakuthandayo ekufanele ukuba bajongane nomlo ololu hlobo. Kuyacaca ukuba ukuyeka ukutshaya akukho nzima njengokungayeki.
